27 AbakwaJuda naseJerusalem ke bonke bakhokelwa nguYoshafati, bajika bevuya baya eJerusalem. Kaloku uNdikhoyo wabatsho banemincili bavuya phezu kweentshaba zabo.
28 EJerusalem bangena bajonga endlwini kaNdikhoyo bekhalisa iihapu, imirhubhe, namaxilongo.
29 Ithe ke yakuvakala imbali yokulwa kukaNdikhoyo neentshaba zikaSirayeli, suka zonke izizwe nezikumkani zamoyika zamhlonela uThixo.
30 Umbuso kaYoshafati ke waxhamla uxolo, kuba kaloku uThixo wakhe wayemnike ukuphumla macal' onke.
31 Ngoko ke uYoshafati wamlawula uJuda. Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mathathu anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anantlanu. Unina yayinguAzubha intombi kaShili.
32 Yena wahamba ngeendlela zikayise uAsa, akanxaxha kuzo; ewe, yena wayesenza okulungileyo emehlweni *kaNdikhoyo.
33 Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zitshitshiswe; abantu abazange bade babambelele ngomxhelo wabo kuThixo wooyise.