7 Ukuwa kuka-Ahaziya ekutyeleleni kwakhe uYoram kwaphuma kuThixo. Akufika uAhaziya wahamba noYoram baya kubonana noYehu unyana kaNimshi owayethanjiswe nguNdikhoyo ukuze atshabalalise indlu ka-Ahabhi.
8 Xa uYehu wayewisa isigwebo kwindlu ka-Ahabhi, wafumana namatshawe akwaJuda nezizalwana zoonyana baka-Ahaziya ezazisonga uAhaziya, nazo ke wazibulala.
9 Waza ke wamzingela uAhaziya owafunyanwa ngamahlakani akhe ezimele eSamariya. Bamzisa kuYehu, wabulawa. Bamngcwaba ke, kuba babesithi: “Kaloku yena ungunyana kaYoshafati, umfo owayemfuna ngomxhelo wakhe wonke uNdikhoyo.” Ngoko ke endlwini ka-Ahaziya akusalanga mntu unako ukubuphatha ubukumkani.
10 UAtaliya unina ka-Ahaziya, akubona ukuba unyana wakhe ufile, wasuka wayitshabalalisa yonke indlu yekomkhulu lakwaJuda.
11 Ke yena uYoshebha, intombi kakumkani uYehoram, wesuka weba uYowashe unyana ka-Ahaziya, wemka naye apho phakathi kweenkosana ezaziza kubulawa, wamfihla neneni yakhe kwigumbi lokulala. Kaloku uYoshebha intombi kakumkani uYehoram owayengumfazi wombingeleli uJoyada wayengudade boAhaziya; yiyo ke loo nto wasuka wamfihla umntwana lowo ukuze angabulawa nguAtaliya.
12 Wahlala ezinyelisiwe ke endlwini kaThixo iminyaka yamithandathu, xesha elo kwakusalawula uAtaliya apho kwaJuda.