1 Ke kaloku ngonyaka wesixhenxe uJoyada wabona ukuba lifikile ixesha. Wenza umnqophiso neengqwayi-ngqwayi zamaqela alikhulu: uAzariya unyana kaYehoram, uIshamayeli unyana kaYohanan, uAzariya unyana kaObhedi, uMaseya unyana ka-Adaya, noElishafati unyana kaZikri.
2 Balityhutyha elakwaJuda, baqokelela abaLevi neentloko zazo zonke izindlu zamaSirayeli kuzo zonke iidolophu. Bakufika ke eJerusalem
3 lonke elo bandla lenza umnqophiso nokumkani endlwini kaThixo.Wathi kubo uJoyada: “Unyana kakumkani uza kulawula ngokomlomo *kaNdikhoyo mayela nesizukulwana sikaDavide.
4 Ngoko yenzani le nto: isinye esithathwini sababingeleli nabaLevi abaza kuba semsebenzini *ngoMhla woPhumlo masilinde iminyango;
5 esinye isinye esithathwini apha kuni masibe sebhotwe; size ke esinye sibe seSangweni lesiSeko; aze ke onke amanye amadoda abe sezinkundleni zendlu kaNdikhoyo.
6 Makungabikho mntu ungenayo endlwini kaNdikhoyo ngaphandle kwababingeleli nabaLevi abasebenzayo. Bona bangangena, kuba bahlambulukile, kambe ke bonke abanye mabalinde ngokwezinto abamiselwe zona nguNdikhoyo.