1 UAmaziya waba ngukumkani eneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anethoba. Unina yayinguYowadan intombi yaseJerusalem.
2 Yena wenza okulungileyo emehlweni *kaNdikhoyo, noxa wayengaphelelisanga.
3 Akuziqonda ukuba uzinzile embusweni wawabulala amaphakathi awayebulele uyise.
4 Kambe ke zange ababulale oonyana bawo, koko wenza njengoko kubhaliweyo emthethweni kwincwadi kaMosis, apho uNdikhoyo ayalela ngokuthi: “Ooyise abayi kubulawa ngenxa yabantwana, kanti nabantwana abayi kubulawa ngenxa yooyise, koko ulowo nalowo uya kufela izono zakhe.”
5 UAmaziya wawaqokelela onke amaJuda, waza wawaba ngokwemizi, ewenza amabutho aliwaka nalikhulu – nditsho uJuda noBhenjamin. Wabagaya abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu, waza wazuza amakhulu amathathu amawaka amadoda asemgangathweni wokungenela umkhosi, lawo anako ukusebenzisa umkhonto nekhaka.
6 Kananjalo waqesha amajoni akwaSirayeli alikhulu lamawaka, ngesiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu anamakhulu amane.