1 UHezekiya wathumela ilizwi kuye wonke uSirayeli noJuda, wabhala neeleta, wazithumela kwaEfrayim nakwaManase, ebamema ukuba baye endlwini *kaNdikhoyo eJerusalem, baye kubhiyozela iPasika kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
2 Ukumkani namaphakathi nebandla lonke laseJerusalem benza isigqibo sokubhiyozela iPasika kwinyanga yesibini.
3 Babengabanga nako ukuyibhiyozela ngexesha layo, kuba babenganelanga ababingeleli abazihlambululayo, nabantu babengaqokelelananga eJerusalem.
4 Eli cebo ke labonakala lilungile kukumkani nakwibandla liphela.
5 Bazimisela ukuthumela isaziso kuSirayeli ewonke ukusukela eBhashebha kuye kwaDan, abantu bebamemela ukuba beze eJerusalem baze kubhiyozela iPasika kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Yayingazange yabhiyozelwa ngabantu abalinani elivakalayo njengoko kubhaliweyo.