2 Yeziganeko 31:1-7 XHO96

1 Yakuba yonke le nto ifezekile, amaSirayeli awayelapho aphuma, aya kwiidolophu zakwaJuda, afika awaqhekeza amatye anqulwayo, azigawula iintsika zika-Ashera. Iindawo eziphakamileyo zonqulo azitshabalalisa, ngokunjalo namaqonga, kulo lonke elakwaJuda nakwaBhenjamin, kwaEfrayim nakwaManase. Akuba ezitshabalisile zonke ezo zinto, amaSirayeli onke agoduka aya ngeedolophu zawo emihlabeni yawo.

2 UHezekiya wamisela ababingeleli nabaLevi ngamaqela abo, iqela ngalinye ngokwemisebenzi yalo kubabingeleli nakubaLevi, ukuze banikele amadini atshiswayo nawobudlelwana, nokuze balungiselele, benze imibulelo, batsholoze ngeendumiso emasangweni endlu *kaNdikhoyo.

3 Ukumkani warhuma kwezakhe izinto, wanikela amadini atshiswayo akusasa nawamatshona, kwakunye namadini atshiswayo *eMihla yokuPhumla, awokuthwasa kwenyanga, nawamatheko amisiweyo, njengoko kubhaliweyo emthethweni kaNdikhoyo.

4 Abantu abahlala eJerusalem wabayalela ukuba bakhuphe izabelo zababingeleli nabaLevi, ukuze bona bakwazi ukuzinikezela ngokupheleleyo emthethweni kaNdikhoyo.

5 Akuwuva loo myalelo amaSirayeli enza izinwe, akhupha ulibo lwengqolowa newayini entsha, amafutha omnquma, nobusi, nayo yonke into eyimveliso yamasimi. Wamninzi umnikelo abawuzisayo, bethatha isishumi sento nganye.

6 Abantu bakwaSirayeli nakwaJuda ababehlala kwiidolophu zakwaJuda bezisa nezishumi zeenkomo nezeegusha ndawonye nesishumi sezinto ezingcwele bazinikela kuNdikhoyo uThixo wabo; ewe, bazigalela zaziingqumba.

7 Le nto ke bayiqala ngenyanga yesithathu, baza bayigqiba kwinyanga yesixhenxe.