4 Abantu abahlala eJerusalem wabayalela ukuba bakhuphe izabelo zababingeleli nabaLevi, ukuze bona bakwazi ukuzinikezela ngokupheleleyo emthethweni kaNdikhoyo.
5 Akuwuva loo myalelo amaSirayeli enza izinwe, akhupha ulibo lwengqolowa newayini entsha, amafutha omnquma, nobusi, nayo yonke into eyimveliso yamasimi. Wamninzi umnikelo abawuzisayo, bethatha isishumi sento nganye.
6 Abantu bakwaSirayeli nakwaJuda ababehlala kwiidolophu zakwaJuda bezisa nezishumi zeenkomo nezeegusha ndawonye nesishumi sezinto ezingcwele bazinikela kuNdikhoyo uThixo wabo; ewe, bazigalela zaziingqumba.
7 Le nto ke bayiqala ngenyanga yesithathu, baza bayigqiba kwinyanga yesixhenxe.
8 UHezekiya enamaphakathi akhe wathi akuzibona ezo ngqumba wamdumisa uNdikhoyo, wabathamsanqelisa abantu bakhe amaSirayeli.
9 UHezekiya wathetha nababingeleli nabaLevi ngezo ngqumba,
10 waza ke umbingeleli omkhulu, uAzariya wendlu kaZadoki wathi: “Oko abantu baqalayo ukuzisa imirhumo yabo endlwini kaNdikhoyo, sitsho sanokutya okwaneleyo kude kubekho nentsalela, kuba uNdikhoyo ubathamsanqele abantu bakhe – ewe, le ntaphane ingaka ngamasalela.”