9 UHezekiya wathetha nababingeleli nabaLevi ngezo ngqumba,
10 waza ke umbingeleli omkhulu, uAzariya wendlu kaZadoki wathi: “Oko abantu baqalayo ukuzisa imirhumo yabo endlwini kaNdikhoyo, sitsho sanokutya okwaneleyo kude kubekho nentsalela, kuba uNdikhoyo ubathamsanqele abantu bakhe – ewe, le ntaphane ingaka ngamasalela.”
11 UHezekiya wayalela ukuba kulungiswe oovimba endlwini kaNdikhoyo; yenziwa ke loo nto.
12 Beza nayo ngenyameko ke yonke imirhumo leyo – izishumi neminikelo. Owayevelele lo msebenzi yayinguKonaniya umLevi encediswa ngumntakwabo uShimeyi.
13 Ukumkani uHezekiya noAzariya iphakathi elalongamele indlu kaThixo, bamisela la madoda ukuba asebenze phantsi koKonaniya nomntakwabo uShimeyi: uYehiyeli, uAzaziya, uNahati, uAsaheli, uJerimoti, uYozabhadi, uEliyeli, uIsemakiya, uMahati, noBhenaya.
14 Ke kaloku uKore unyana kaImna umLevi owayengumlindi wesango elisempuma, wayongamele iminikelo yokuqhutywa yintliziyo enikelwa kuThixo, esaba imirhumo kaNdikhoyo kwakunye nezipho ezizodwa.
15 Wayencediswa nguEden, uMiniyamin, uYeshuwa, uShemaya, uAmariya, noShekaniya, besebenza ngenyameko kwiidolophu zababingeleli, ababingeleli bebabela ngokwamaqela abo, abadala kwanabanci, bengenagobe.