28 Kananjalo wakha izindlu zokugcina isivuno – ingqolowa, iwayini, namafutha omnquma – wakha nezitali zeendidi zeenkomo nezibaya zeegusha.
29 Wakha iidolophu, wazuza imihlambi yeegusha neenkomo – kaloku uThixo wayemphe ubutyebi obuninzi.
30 IkwanguHezekiya owavala amantla omthombo waseGihon, amanzi wawatsalela kwintshona yesixeko sikaDavide. Yayiqaqambile yonke into ayenzayo.
31 Kambe ke xa kwakuthunyelwe oonozaku-zaku kuye ngabalawuli baseBhabheli, beze kuqonda ngomqondiso omangalisayo owawubonakele apho elizweni lakhe, uThixo wamyekela khon' ukuze amvavanye akuqonde konke okwakusentliziyweni yakhe.
32 Kaloku ezinye zeziganeko zolawulo lukaHezekiya nemisebenzi yakhe yokuzinikela, nâzo zibhaliwe encwadini yombono yomshumayeli uIsaya unyana ka-Amoze, kwincwadi yookumkani bakwaJuda nabakwaSirayeli.
33 UHezekiya ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa kwicala elingasentla kwinduli enamafihlo esizukulwana sikaDavide. Ekuswelekeni kwakhe ke wonke uJuda ndawonye neJerusalem bamnika imbeko. Esikhundleni sakhe ke kwangena unyana wakhe uManase.