14 Emva koko ke walwakha udonga olungaphandle lwesixeko sikaDavide, kwintshona yomthombo waseGihon entilini, wada wee xhaxhe ngeSango leeNtlanzi, wayijikeleza induli yeOfeli, kananjalo ke waluphakamisa. Wamisa iingqwayi-ngqwayi zomkhosi kuzo zonke izixeko zakwaJuda ezinqatyisiweyo.
15 Wazisusa izithixo zasemzini, kunye nomfanekiso owawusendlwini kaNdikhoyo, kananjalo nawo onke amaqonga awayewakhe kwinduli yendlu kaThixo eJerusalem; xa zizonke ezo zinto wazikhuphela ngaphandle kwesixeko.
16 Waza ke walibuyisela iqonga likaNdikhoyo, kulo wenza amadini obudlelwane nawombulelo; uJuda wamyalela ukuba akhonze uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
17 Kambe ke bona abantu bathi rhoqo ukwenza amadini kwiindawo eziphakamileyo zonqulo, kodwa bewenzela uNdikhoyo uThixo wabo.
18 Ke kaloku ezinye zeziganeko zolawulo lukaManase, kunye nomthandazo wakhe kuThixo wakhe, namazwi awathethwa ngabashumayeli kuye egameni likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
19 Ewe, umthandazo wakhe nendlela awachukumiseka ngayo uThixo sisikhungo sakhe, ndawonye nazo zonke izono zakhe nokunganyaniseki kwakhe, nezo ndawo wazakha kuzo iindawo eziphakamileyo zonqulo, nalapho wazimisa khona iintsika zika-Ashera kwanemifanekiso eqingqiweyo, ngaphambi kokuzithoba kwakhe, yonke loo ngcombolo ibhaliwe kwiinkcukacha zeembongi.
20 UManase ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa kwibhotwe lakhe. Esikhundleni sakhe ke kwangena unyana wakhe uAmon.