11 UZedekiya wayeneminyaka emashumi mabini ananye ezelwe ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye.
12 Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe; zange amthobele *nomshumayeli uJeremiya owayemxelela ilizwi likaNdikhoyo.
13 UZedekiya wamvukela ukumkani uNebhukadenezare owayemfungise ngegama likaThixo. Wasuka walukhuni waneenkani, akavuma ukubuyela *kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
14 Ngaphezu koko ke zonke iinkokheli zababingeleli nezabantu zasuka azanyaniseka ngakumbi, zalandela izenzo ezimasikizi zeentlanga, baza ke bayixabhela indlu kaNdikhoyo, leyo yena wayingcwalisayo eJerusalem.
15 Ke kaloku uNdikhoyo uThixo wooyise waphindelela ukubalumkisa ngamazwi awawathumela ngezithunywa zakhe evelana nabantu bakhe ndawonye nendawo yakhe yokuhlala.
16 Kodwa ke bona basuka baphoxisa ngazo izithunywa zakhe, bawadelela amazwi akhe, bebagxeka abashumayeli bakhe; yada ke ingqumbo kaNdikhoyo yavuseleleka mayela nabantu bakhe, ayabi sanqandeka.
17 Wabaxhokonxela ukumkani wamaKaledi, owababulalayo abafana babo ngekrele, ebabulalela endaweni engcwele; ewe, akasindisanga mfana nantombi, ndoda naxhego. Xa bebonke uThixo wabanikezela esandleni sokumkani wamaKaledi.