8 Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaJoyakim, nezinto ezimanyumnyezi awazenzayo, nako konke okwakhe, nâzo encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaJuda. UJoyakin unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.
9 UJoyakin waqala ukulawula eneminyaka elishumi elinesibhozo, waza walawula eJerusalem iinyanga ezintathu ezineshumi leentsuku. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo.
10 Ngentlakohlaza ukumkani uNebhukadenezare wathumela waya kuthathwa wasiwa eBhabheli kunye nezinto ezixabisekileyo zendlu kaNdikhoyo. Wathatha uyisekazi kaJoyakin uZedekiya wamenza ukumkani wakwaJuda naseJerusalem.
11 UZedekiya wayeneminyaka emashumi mabini ananye ezelwe ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye.
12 Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe; zange amthobele *nomshumayeli uJeremiya owayemxelela ilizwi likaNdikhoyo.
13 UZedekiya wamvukela ukumkani uNebhukadenezare owayemfungise ngegama likaThixo. Wasuka walukhuni waneenkani, akavuma ukubuyela *kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
14 Ngaphezu koko ke zonke iinkokheli zababingeleli nezabantu zasuka azanyaniseka ngakumbi, zalandela izenzo ezimasikizi zeentlanga, baza ke bayixabhela indlu kaNdikhoyo, leyo yena wayingcwalisayo eJerusalem.