2 Ababingeleli zange babe saba nako ukungena apho endlwini kaNdikhoyo, kuba kaloku ubukhazikhazi bukaNdikhoyo babuyizalisile.
3 Xa ewonke ke amaSirayeli athe akuwubona umlilo usihla, kananjalo nobukhazikhazi bukaNdikhoyo buyigubungele indlu leyo, asuka ee guqaqa ejonge phantsi, enqula uNdikhoyo, embonga esithi:“Hayi ke bethu, ukulunga kwakhe!Izibele zakhe zimi ngonaphakade!”
4 Ke ukumkani ndawonye nabantu bonke benzela uNdikhoyo amadini.
5 Ukumkani uSolomon wenza idini ngeenkomo ezingamawaka angamashumi amabini anambini, kunye neegusha neebhokhwe ezilikhulu elinamashumi amabini amawaka. Ngaloo ndlela ke ukumkani kunye nabantu bonke bayivula beyinikela indlu kaThixo.
6 Ababingeleli kunye nabaLevi bema ngeendawo zabo, abaLevi bephethe izikhalisi zokudumisa uNdikhoyo, ezo ukumkani uDavide wayezenzele ukuba zikhaliswe xa bebulela besithi: “Izibele zakhe zimi ngonaphakade.” Ababingeleli babekhangelene nabaLevi, bona bekhalisa amaxilongo, amaSirayeli onke emi ngeenyawo.
7 USolomon wawungcwalisa umbindi wenkundla ephambi kwendlu kaNdikhoyo, waza khona apho wenza amadini atshiswayo, wanikela namanqatha angumnikelo wobudlelwane. Kaloku iqonga lobhedu awayelenzile lalingawalingene amadini atshiswayo, iminikelo yeenkozo, namadini enziwa ngamanqatha.
8 Ngelo thuba ke uSolomon walenza itheko iintsuku zasixhenxe, enamaSirayeli ephela, inyambalala yembizo, abantu abaphuma kwinkalo yeHamati kude kuthi xhaxhe ngomda waseJiputa.