1 Nanga amazwi eNgqondi, unyana kaDavide, ukumkani waseJerusalem:
2 “Ngamampunge awo amampunge;” itsho iNgqondi,“ewe, ngokupheleleyo ngamampunge;yonk' into ngamampunge!”
3 Kumnceda ntoni umntu ukuzabalaza esebenza?Ude azuze ntoni ngokubulaleka kwakhe apha phantsi kwelanga?
4 Izizukulwana ziyafika, izizukulwana ziyemka,kodwa ke lona ihlabathi limi ngonaphakade.
5 Ilanga liyaphuma, kanti ke ilanga libuya litshone,lize ke likhawuleze liye apho liya kuphuma khona.