Amava Engqondi 8 XHO96

1 Yaz'ba ngubani eso silumko singaziqondayo ezi zinto?Ngubani ongayichazayo intsingiselo yezi zinto?Kaloku ubulumko buyabuswabulula ubuso bomntu,atsho ayeke ukumatsheka.

Makathotyelwe ukumkani

2 Mna ndithi mthobele ukumkani; kaloku wènze isifungo phambi koThixo.

3 Musa ukungxama ukumka kukumkani. Futhi ke sukumela ububi, kuba kaloku yena angenza nantoni na athanda ukuyenza.

4 Ekubeni ilizwi lokumkani litshatshele akukho bani unokuthi kuye: “Yintoni le uyenzayo?”

5 Lowo ugcina umthetho akayi kuhlelwa bububi;onobulumko uyakwazi amakakwenze ngexesha elifanelekileyo.

6 Kaloku yonke into inexesha layo nendlela emayenziwe ngayo;kambe buninzi ububi obunokumhlela umntu –

7 akazi ukuba kuya kwenzeka ntoni.Kakade ngubani onokuxela okuya kubakho?

8 Umntu akanalo igunya phezu komoya ukuba awuthintele;akukho bani uyilawulayo imini yokufa kwakhe.Njengokuba kungekho ukuphuncula emfazweni,kananjalo inkohlakalo ayibayeki abo bayenzayo.

Inkohlakalo nobulungisa

9 Yonke le nto ndiyibone xa bendiphicotha izinto ezenziwa apha phantsi kwelanga – nditsho into yokuba umntu abe negunya phezu komnye, kube buhlungu kuye.

10 Ewe, ndibabonile abantu abakhohlakeleyo bengcwatywa, bathi shwaka, kanti ke nâbo bangena bephuma endlwini kaThixo besenza ubulungisa, kwanabo bayalityalwa esixekweni. Ewe, kwanaloo nto ngamampunge!

11 Xa isohlwayo setyala singàphunyezwa msinya abantu baqhubela phambili ukwenza ububi.

12 Nakuba isikhohlakali singona nakalikhulu, siphile ixesha elide, noko ndiyazi ukuba izinto ziya kuhamba kakuhle kwabo bamoyikayo uThixo, abo bamhlonelayo.

13 Phofu ke, ngenxa yokuba izikhohlakali zingamoyiki uThixo, izinto aziyi kuzilungela, nemihla yazo ingòlulwa oku kwesithunzi.

14 Ewe, ikho into engamampunge eyenzekayo kweli hlabathi: maxa wambi amalungisa azuza isohlwayo sezikhohlakali, zize zona izikhohlakali zifumane indwe yamalungisa! Ndithi kwanaloo nto ngamampunge!

15 Ngoko ke mna ndithi masonwabe, kuba ayikho enye into emfaneleyo umntu apha phantsi kwelanga ngaphandle kokuba atye asele azonwabele. Loo nto ke únokuyenza phakathi kwemizabalazo yakhe kobu bomi abuphiwe nguThixo kulo mhlaba.

16 Xa ndandizikisa ukucinga, ndifuna ukubazi ubulumko, ndiqwalasela ukubulaleka komntu kulo mhlaba – nditsho le nto yokuba amehlo akhe angabonani nokulala imini nobusuku –

17 ndide ndakubona konke akwenzayo uThixo. Akukho bani onako ukukuqonda okwenzekayo apha phantsi kwelanga; noba selesenza yonke imigudu yokuphengulula akangeze akufumane. Nezilumko noba zingade zithi ziyaqonda, azazi nto tu!

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12