Amava Engqondi 2 XHO96

Iziyolo ngamampunge

1 Ke kaloku ndagqiba kwelithi: “Makhe ndilinge iziyolo, ndizonwabise, ndive ukuba kunjani na!” Kodwa ke ndafumanisa ukuba naloo nto ngamampunge.

2 Ukuhleka ndathi: “Bubuyatha;” iziyolo zona: “Ngaba zindizisela ntoni?”

3 Ndacamanga entliziyweni yam ukuba mandithi lo gama ndifuna ubulumko khe ndizilahlele kwiwayini, ndiziphathe okwesityhakala, ndide ndibone ukuba yeyiphi into ebalungeleyo oonyana babantu ukuba bayenze apha emhlabeni ngemihla embalwa yobomi babo.

4 Ndenza imisebenzi emikhulu: ndazakhela izindlu, ndatyala izidiliya,

5 ndalima izitiya, ndenza nemiyezo, kuyo ndatyala zonke iintlobo-ntlobo zeziqhamo.

6 Ndemba ndenza amadama ukuze ndinkcenkceshele loo mithi isahlumayo.

7 Ndandizithengela amakhoboka angamadoda nabhinqileyo, kwada kwakho namakhoboka azalelwa emzini wam. Ndandinemihlambi emininzi yeenkomo nempahla emfutshane ngaphezu kweyabo bonke abakhe bahlala ngaphambi kwam eJerusalem.

8 Ndaqokelela imfumba yesiliva negolide, ndiyithatha kwindyebo yookumkani abaphantsi kwam, namazwe endiwalawulayo. Ndandineekwayala zokundonwabisa – amadoda nabantu ababhinqileyo. Kananjalo ndandinabafazi abaninzi ngokomnqweno wentliziyo yam.

9 Ewe, ndandisisikhulu, ndimkhulu kunabo bonke abakhe bema eJerusalem ngaphambi kwam. Ngalo lonke eli xesha bendincedwa bubulumko bam.

10 Yonke into endandiyinqwenela ndandiyifumana,kungekho nasiyolo sakha sandiphosa.Ndandineqhayiya, ndizidla ngayo yonke imizabalazo yam;lowo yaba ngumvuzo wam ngoko kubulaleka.

11 Ndathi ke ndakuwuphonononga wonke umsebenzi wezandla zam nokubulaleka endibulaleke ngako,ndafumanisa ukuba yonke loo nto ngamampunge nje,yimfeketho enjengokusukelana nomoya.Ewe, akukho nzuzo apha phantsi kwelanga.

Ubulumko nobutyhakala ngamampunge

12 Ndaza ke ndaphicotha umahluko phakathi kobulumko kunye nobutyhakala nobudenge. Kakade yintoni anokuyenza ongena ezihlangwini zokumkani ebeyingasele yenziwa ngaphambili?

13 Ndabona ukuba ubulumko buyakhetheka kunobutyhakala,kwanjengokuba ukukhanya kungcono kunobumnyama.

14 Umntu osisilumko uyabona apho aya khona,kanti ke sona isityhakala sifathula emnyameni.Kambe ke ndafumanisa ukuba bebonke isiphelo sinye.

15 Ndagqiba kwelithi: “Nam ngokwam ndiya kufa kwanjengesityhakala, ibe yintoni ke endiyizuzileyo ngobulumko?” Ndaza ndagqiba kwelithi: “Nale ke into ikwangamampunge.

16 Isilumko siyalityalwa, kanti nesityhakala asikhunjulwa. Ngemihla ezayo bobabini bayalityalwa, bangabi sakhunjulwa. Kukugqwesa ngantoni ke ukufa kwesilumko ukufa kwesityhakala?”

Ukubulaleka ngamampunge

17 Ngoko ke ndatsho ndabucaphukela ubomi, kuba yonke into eyenziwa apha phantsi kwelanga yasuka yandiphathela inkxwaleko. Ewe, zonke izinto ngamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.

18 Ke kaloku ndasuka ndakucaphukela konke ukubulaleka kwam apha phantsi kwelanga, kuba ndisazi ukuba ndihlalelwe kukuzishiya kulowo undilandelayo zonke izinto endizenzileyo.

19 Kwazi bani ke ukuba woba sisilumko okanye isityhakala? Ukanti ke noba kunjalo konke ukubulaleka nobuchule bam apha phantsi kwelanga buya kuba semandleni akhe. Hayi suka, ngamampunge lawo!

20 Ngoko ke ndatsho ndazisola ngokubulaleka kwam konke apha phantsi kwelanga.

21 Kaloku umntu ebesenokuwenza umsebenzi wakhe ngobulumko, ingqiqo, nobuchule, kanti yonke loo nto abulaleke ngayo uza kuyishiya emntwini ongayisebenzelanga mpela-mpela! Ngenene nale into ngamampunge; imbi kunene!

22 Kodwa-kodwa uzuza ntoni umntu ngemizabalazo nokubulaleka kwakhe apha phantsi kwelanga?

23 Yonke imihla yakhe yinkxwaleko, nokuzabalaza kwakhe ziinzingo. Nasebusuku uyaphuthelwa angaphumli. Ewe, yonke loo nto nayo ingamampunge.

24 Ayikho enye into angayenzayo umntu ngaphandle kokuba atye asele, ahlale anelisekile kukubulaleka kwakhe. Phofu ke naleyo ndafumanisa ukuba iphuma kwasesandleni sikaThixo,

25 kuba kaloku ngaphandle kwakhe akukho mntu ungatyayo okanye onwabe.

26 Kaloku uThixo umnika ubulumko, ingqiqo, nokonwaba, loo mntu umkholisayo; kambe ke bona abagwenxa abanike uxanduva lokusebenza nzima, beqweba beqokelela ubutyebi, ukuze ke babunikezele kwabo bakholisa uThixo. Ngenene nale into ngamampunge, ifana nokusukelana nomoya.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12