Amava Engqondi 9 XHO96

Oko ukwenzayo kwenze ngamandla

1 Ke kaloku ndithe ndisakuwuphonononga lo mbandela ndafumanisa ukuba izenzo zamalungisa kunye nezezilumko zisesandleni sikaThixo, phofu kungekho namntu waziyo nokuba ulindelwe luthando okanye ukuthiywa na.

2 Abantu bonke isiphelo sabo sinye: amalungisa nezikhohlakali, abalungileyo [nabagwenxa], abahlambulukileyo nabanomlaza, abawenzayo amadini nâbo bangawenziyo. Umntu olungileyo ufaniswa nomoni, nalowo wenza isifungo afaniswe nowoyikayo ukwenza isifungo.

3 Ezintweni zonke ezenzeka apha phantsi kwelanga eyona imbi yile yokuba kubo bonke isiphelo sabo sinye. Iintliziyo zoonyana babantu zizele bububi; bubugeza ezintliziyweni zabo lo gama besadla ubomi – ze kuthi kamva baye kwelabafileyo.

4 Lowo usaphilayo usenethemba; kaloku nenja esaphilayo ibhetele kunengonyama efileyo.

5 Kaloku bona abaphilayo bayazi ukuba baseza kufa, kambe ke bona abafileyo abazi nto. Abasajonganga mvuzo, futhi ke sebelityelwe.

6 Uthando ndawonye nentiyo yabo, kunye neminqweno, kukonke nje kwafa kunye nabo. Abasoze babuye babe nenxaxheba kwizinto ezenzekayo apha phantsi kwelanga.

7 Hayi ke, yitya isonka sakho wonwabile, usele iwayini yakho uchwayitile entliziyweni, kuba ngoku lithuba elikholekileyo kuThixo lokuba wenze oko.

8 Maxa onke vatha ezimhlophe, nezithambiso zentloko ungaziyeki.

9 Hlala ngokonwaba nomfazi wakho omthandayo ngemihla yobomi bakho obungamampunge obunikwe nguThixo kulo mhlaba – nditsho zonke ezo ntsuku zingamampunge – kuba eso kuphela kwesabelo oya kusizuza ngokubulaleka kwakho apha phantsi kwelanga.

10 Nawuphi na umsebenzi owubambileyo ngezandla zakho wenze ngamandla akho onke; kuba kaloku akwenziwa nto, akucingwa, kungekho lwazi nabulumko engcwabeni, apho wena uya khona.

11 Nantsi enye into endiyibonileyo apha phantsi kwelanga: ezona mbaleki zisenokungaphumeleli elugqatsweni, futhi namagorha avunyiweyo asenokoyiswa edabini. Ewe, izilumko zisenako ukuswela ukutya, kanti ke neengqondi zisenokuphulukana nobutyebi, kwanjengokuba neengcaphephe zisenokuphosana nezikhundla eziphezulu. Kaloku wonke umntu uba namaxesha namathuba akhe.

12 Ke yena umntu akazi ukuba ithuba lakhe linini na. Njengentlanzi ebanjiswe ngomnatha ongenalusini, okanye intaka ebhajiswe ngumgibe, nathi bantu sisuka sixinwe yimin' embi esigubungela singayilindelanga.

Ubulumko nobutyhakala

13 Apha phantsi kwelanga ndibone omnye umzekelo wobulumko ondenze umdla.

14 Kwakukho idolophu ebantu bambalwa. Yahlaselwa yingangamsha yokumkani. Wayingqinga, wayakhela izikanisi ezayame iindonga eziyikhuselayo.

15 Kwalapho kuloo dolophu kwakukho umfo olihlwempu, phofu esisilumko, owathi ngobulumko bakhe wayihlangula loo dolophu. Kambe ke akukho mntu wamkhumbulayo loo mfo ulihlwempu.

16 Ndaza ndathi ke mna: “Ubulumko bubhetele kunamandla.” Kambe ke ubulumko behlwempu budeliwe, namazwi alo akakhathalelwe.

17 Kungcono ukuphulaphula amazwi esilumko esithetha sizolilekunokuzikhathaza ngokukhwaza komlawuli wezityhakala.

18 Ubulumko bubaluleke ngaphezu kwezixhobo zemfazwe,kambe ke nomoni omnye nje angonakalisa lukhulu kwizinto ebezilungile.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12