Amava Engqondi 5 XHO96

Isilumkiso ngezithembiso

1 Lumka, ugqale ukunyathela kwakho xa usiya endlwini kaThixo. Xa usiya khona hamba ngeenjongo zokuphulaphula endaweni yokwenza amadini njengezityhakala ezingaziyo ukuba zenza ubugwenxa.

2 Qiqa phambi kokuba uthethe;musa ukungxama ukwenza izithembiso kuThixo.Kaloku yena usezulwini, ube ke wena ulapha emhlabeni;ngoko ke amazwi akho makabe mbalwa.

3 Ubuninzi bemicimbi bubanga amaphupha;ubuninzi bamazwi kuhamba nentetho yobutyhakala.

4 Xa wenze isifungo kuThixo, khawuleza usifezekise. Kaloku yena akavani nezityhakala; ngoko ke siphumelelise isifungo sakho.

5 Akunani kwaukungenzi sifungo kunokubhambathisa uze ungafezekisi.

6 Umlomo wakho mawungakukhokeleli esonweni, uze ke ube ubongoza isigidimi, usithi: “Ndiphazamile.” Ngani ukuba umkhathaze uThixo ngento oyithethileyo, ade atshabalalise umsebenzi wezandla zakho?

7 Intlaninge yamaphupha namazwi amaninzi ngamampunge. Kuphela hlonela uThixo!

Ubutyebi ngamampunge

8 Sukumangaliswa xa ubona abantu abahlelelekileyo becinezelwa, bengazelelelwa kummandla othile, bengenzelwa ubulungisa nokufanelekileyo. Kaloku igosa ngalinye livelelwa lelinye, aze ke xa ewomabini avelelwe ngamanye angentla kuwo.

9 Kambe ke ilizwe lilungelwa yinto yonke xa ukumkani enyamekela ukulinywa kwamasimi akhe.

10 Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise;kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.Nale ke into ngamampunge.

11 Yakukhula ingeniso bayanda nabaxhomekeke kuyo,ibe yintoni ke ezuzwa ngumniniyo?Kuphela uyitya ngamehlo!

12 Umntu ophangelayo ulala athi yoyi,noba utya kancinci, okanye ke uyahlutha.Ke bona ubunewu-newu besityebi busitsho siphuthelwe.

13 Apha phantsi kwelanga ndibone ububi obungcungcuthekisayo:umntu angaziqwebela ubutyebi, busuke benzakalise kwayena mnikazi wabo!

14 Omnye ke ufumba ubutyebi, alahlekelwe bubo ngenxa yentlekele,ze ke unyana ozelwe nguye angabi nanto ezandleni.

15 Mhla wavela umntu uzalwa ngunina ezé;mhla andulukayo uhamba kwangolo hlobo eze ngalo.Kuko konke ukubulaleka kwakhe umntu apha emhlabeniumka engaphathanga nto ngesandla sakhe.

16 Ewe ngenene, ibuhlungu le meko!Umntu umka eyiloo nto ebefike eyiyo.Kumncede ntoni ke ukusebenzela ilize?

17 Kananjalo imihla yobomi bakhe yonke uyidlela ebumnyameni,egutyungelwa ziinkathazo neenzingo nomsindo.

18 Ke kaloku ndifumanise ukuba eyona nto ilungileyo nefanelekileyo ukuba umntu ayenze kukutya asele, akuxhamle enelisekile ukubulaleka kwakhe ngezi ntsukwana zimbalwa aziphiwe nguThixo apha phantsi kwelanga. Kaloku eso sisabelo sakhe.

19 Ewe, umntu xa ephiwe ubutyebi nezinye izinto eziphathekayo, aze futhi uThixo amnike inyhweba yokuzixhamla ezo zinto, kufuneka akuxhamle enombulelo ukubulaleka kwakhe – kaloku eso sisipho esivela kuThixo.

20 Ngenxa yolo lonwabo aluphiwe nguThixo, umntu utsho angabi sazikhathaza ngobungakanani bobomi bakhe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12