Amava Engqondi 10 XHO96

1 Iimpukane ezifileyo zingasonakalisa isiqholo sitsho sibile sinuke,ngokunjalo nentwana nje yobutyhakala ingabutshabhisa ubulumko ndawonye nesidima.

2 Intliziyo yesilumko isitsho sibe namandla;kanti ke eyesityhakala isitsho sibe buthathaka.

3 Noba isityhakala sesihamba ngendlela, sibonakala kubo bonke ukuba simuncu.Umntu onjalo uzicacisa nakubani na ukuba usisiyatha.

4 Xa ekhathazekile umlawuli wakho musa ukurhoxa esikhundleni sakho –kaloku kukuzola into ewulungisayo umonakalo.

5 Apha phantsi kwelanga kukho ububi endibubonileyo,impazamo eyenziwa ngophetheyo.

6 Izikhundla ezininzi eziphezulu zinikwa izityhakala,zize ke zona izityebi zinikwe ezisezantsi.

7 Ndiwabonile amakhoboka ekhwele amahashe,kodwa zona izikhulu zibhadaza ngeenyawo ngathi ngamakhoboka.

8 Umntu owomba umngxuma usenokweyela kuwo;otyhoboza eludongeni usenokulunywa yinyoka.

9 Umntu owomba amatye usenokwenzakaliswa ngawo,nocanda iinkuni usenokuba sengozini.

10 Xa izembe libuthuntu, lingalolwanga,kufuneka ubethe ngamandla ngalo.Kodwa ke bubuchule into enika impumelelo.

11 Inyoka kufuneka ilalaniswe ngaphambi kokuba imlume umntu,kuba xa seyimlumile akusancedi lutho kumlalanisi wayo.

12 Anendili amazwi aphuma emlonyeni wesilumko,ukanti ke sona isityhakala sizitshabalalisa ngemilebe yaso.

13 Siqala ngokulavuza,size sigqibele sesiwanqa impambano.

14 Ewe, isityhakala sithetha singayeki.Akukho mntu uyaziyo into eza kwehla,kungekho namntu unokuyixela into eya kwenzeka kamva.

15 Umntu ongenangqondo uzidinisa ngomsebenzi,aze ke akhohlwe nayindlela egodukayo isiya esixekweni.

16 Mawoo kwilizwe elikumkani ebesakuba likhoboka,elimatshawe enza amatheko kusekusasa.

17 Kambe ke linoyolo ilizwe elikumkani uzalwa zizikhulu,elimatshawe atya ngexesha elililo, efuna amandla, ingekuko ukunxila.

18 Ngobuvila iyawa imiqadi;kozandla ziqhokriweyo indlu iyanetha.

19 Isidlo simenza onwabe umntu,ke yona iwayini iyabudlamkisa ubomi;kambe ke kuyo yonke into yimali ethethayo.

20 Ungaze umnyembe ukumkani, nditsho nangeengcinga;nesityebi sukusinyelisa, noba sewusesililini sakho,hleze kubekho ntakazana iphuma namazwi akho,into enamaphiko iyixele loo ntetho.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12