Amava Engqondi 7 XHO96

Amagqabantshintshi ngobulumko

1 Igama elihle lilungilengaphezu kwamafutha aqholiweyo.Umhla wokufa ulungile kunomhla wokuzalwa.

2 Kungcono uye emzini onesililo kunokuya emzini onetheko,kuba kaloku ukufa sisiphelo sabantu bonke.Ngoko ke abantu ngebeyithathela ingqalelo le nto.

3 Kubhetele kwaiinzingo kunokuhleka,kuba ubuso obuthe rhubaxa buyayomeleza intliziyo.

4 Intliziyo yesilumko isendlwini yesijwili,ke intliziyo yesiyatha isendlwini yeziyolo.

5 Kulungile ukuva ukukhalinyelwa sisilumkokunokuphulaphula ukombelelwa sisityhakala.

6 Ukuhleka kwesityhakala kufana nqwa nokunqanqaza komlilo wameva phantsi kwembiza.Nale ke into ngamampunge!

7 Isilumko esiphantsi kwezoyikiso silahlekelwa ziingqondo;umntu onyotywayo wonakala ingqiqo.

8 Isiphelo somcimbi sibhetele kunesiqalo sawo.Umonde ungcono kunekratshi.

9 Musa ukukhawuleza ucaphuke ngaphakathi kwakho;kaloku umsindo yinto yezityhakala.

10 Musa ukuthi: “Bekungani ukuba imihla yamandulo ibe ngcono kunale yangoku?”Kaloku ayibubo ubulumko ukubuza umbuzo onjalo.

11 Ubulumko nqwa nelifa ngokulunga;bululutho kubo bonke abaphilayo;

12 umntu bumenza akhuseleke njengokuba nemali isenjenjalo.Ewe, naku ukubalasela kolwazi: ubulumko buyabukhusela ubomi balowo unabo.

13 Khawucamngce ngemisebenzi kaThixo:Ngubani ongayolulayo into ayenze goso?

14 Ngamathuba obumnandi yonwaba;ngemihla yobubi qonda kakuhle ukuba kwale njengaleya yenziwe nguThixo.Ngoko ke akukho mntu uyaziyo into eza kwenzeka kamva.

15 Kobu bomi bam bungamampunge ndizibonile zonke ezi zinto:Ndibone umntu olungileyo efela ebulungiseni bakhe,ngokunjalo ndabona nomntu okhohlakeleyo ephila ubomi obude benkohlakalo.

16 Ngani ukuba uzenzakalise ngokusuka uzenze uchwenene welungisa,okanye ingcaphephe yesilumko?

17 Ngani ukuba ufe phambi kwexesha lakho ngokusuka ubalasele ngenkohlakalo,okanye ugqwese ngobutyhakala?

18 Bambelela kwezi zinto zombini, kungabikho oyiyekelelayo.Umntu omoyikayo uThixo uya kuwaphepha omabini la macala.

19 Ubulumko bumenza onabo abe namandlangaphezu kwabalawuli besixeko abalishumi.

20 Emhlabeni akukho mntu ulilungisaowenza okuhle kuphela angoni.

21 Musa ukuphulaphula yonke into ethethwa ngabantu,hleze ude uve isicaka sakho sikunyemba.

22 Kaloku nawe ngokwakho uyaziukuba kukaninzi ubanyelisa abanye abantu.

23 Ngobulumko bam ndayivavanya yonke le nto, ndaza ndathi:“Ndizimisele ukuba sisilumko,”kodwa ke andafikelela kubo.

24 Oko kukude kakhulu –ndithi oko kunzulu gqitha –ngubani ongaze akubhaqe?

25 Ndazinikezela ke ukuba ndiphande ndifune ulwazi,ukuze ndibuzuze ubulumko bokubhaqa isizekabani sezinto,ndibuqonde nobutyhakala benkohlakalo nokuphutha kobudenge.

26 Ndifumanise ukuba eyona nto ikrakra nangaphezu kokufa ngumfazi oliqili,ontliziyo inezabatha, ongalo zifana namakhamandela.Ke yona indoda ekholisa uThixo iyasinda kuye,kodwa ke yona engumoni uyayibambisa.

27 “Khangel' apha,” itsho iNgqondi,“nantsi into endiyibhaqileyo:Ndakudibanisa enye nenye ukuze ndicacelwe zizinto –

28 lo gama umoya wam wawusaphengulula ndingekafumani nto –ndibhaqe indoda yanye kwiwaka ethe ngqo,kodwa yena umfazi onjalo andimfumananga phakathi kwabo bonke.

29 Kuphela kwendikufumeneyo kukuba uThixo uluntu waludala luthe ngqo,kodwa ke abantu basuke bayila ubuqili phezu kobuqili.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12