Amava Engqondi 4 XHO96

Ngubani endibulalekela yena?

1 Kwakhona ke ndathi ndakukhangela ndayibona ingcinezelo ekhoyo apha phantsi kwelanga.Awu, iinyembezi zabo bacinezelweyo;ibe ke kungekho namthuthuzeli!Ewe, akukho mntu ubathuthuzelayo,ibe ke bona abacinezeli baxhaswa ligunya.

2 Ndafumanisa ukuba abo bangasekhoyo, abasele befile kakade,bakwimeko engcono kunabo baphilayo, abasahleliyo nangoku.

3 Kambe ke oyena ukwimeko engcono ngulowo ungekabikho,engekayiboni le nkohlakalo yenziwayo apha phantsi kwelanga.

4 Ndafumanisa ukuba into eyenza abantu babulaleke bazabalaze kangaka kukuxhalela abamelwane. Kambe ke naleyo ngamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.

5 Isiyatha sisonga izandla,sizitshabalalise ngokwaso.

6 Phofu ke akunani kwaintwana engephi, oyifumana wonwabile,kunentabalala ezuzwa ngembulaleko kusukelwana nomoya.

7 Kwakhona ndawabona amampunge alapha phantsi kwelanga:

8 Nanko umntu ohlala yedwa, kungekho owesibini:akananyana namntakwabo,kodwa uxhabashile, uyasebenza engaphezi;noxa kunjalo amehlo akhe akaneliswa bubutyebi bakhe.Ude athi: “Ngubani endibulalekela yena,ndide ndizivimbe ulonwabo kangaka?”Ewe, nale into ngamampunge;ngumzamo ophuthileyo!

Intsontelo ephindwe kathathu iqhawuka nzima

9 Kungcono abasebenzi babe babini kunokuba abe mnye, kuba baba nengeniso eyiyo ngomsebenzi wabo.

10 Kaloku xa omnye ethe wawa omnye unokuphakamisa ugxa wakhe. Mawoo ke lowo uyedwa xa athe wawa! Akukho bani unokumphakamisa.

11 Ewe, xa ababini belala ngangubo-nye abagodoli. Kodwa ke kunzima ukufudumala xa ulele wedwa.

12 Oyedwa uyagaganyelwa, kodwa ababini banako ukumelana nohlaselo. Intsontelo ephindwe kathathu iqhawuka nzima.

Izikhundla ngamampunge

13 Endaweni yokumkani owalupheleyo osisityhakala esingeva nacebiso lilunge kanye igatyana lomfana olihlwempu xa enobulumko,

14 nangona angade abe wazalelwa ebuhlwempini phantsi kwaloo kumkani. Ewe, usenokuphuma nasentolongweni abe ngukumkani alawule.

15 Ndibone ukuba bonke abadla ubomi besihla benyuka apha phantsi kwelanga basuke bamlandela umfana lowo ungene esikhundleni sokumkani lowo walupheleyo.

16 Ewe, baba baninzi kakhulu abantu abamlandelayo kangangokuba bangabi nakubalwa. Kambe ke sona isizukulwana esilandelayo asibi saba namdla kuye. Ngenene nale ke into ikwangamampunge nokusukelana nomoya.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12