Amava Engqondi 3 XHO96

Yonke into inexesha layo

1 Yonke into inexesha layo;umbandela ngamnye unethuba lawo apha emhlabeni.

2 Ukuzalwa kunexesha lako,nokufa kunexesha lako.Likho ixesha lokutyala,likwakho nexesha lokuncothula.

3 Likho ixesha lokubulala,kanti likho nexesha lokunyanga.Ukuchitha kunexesha lako,nokwakha kunexesha lako.

4 Ukulila kunexesha lako,nokuhleka kunexesha lako.Likho ixesha lokuzila,likwakho nexesha lemihlali.

5 Ukusarhaza amatye kunexesha lako,nokuqokelela amatye kunexesha lako.Likho ixesha lokuwolana,likwakho nexesha lokuyeka ukuwolana.

6 Ukufuna kunexesha lako,nokuncama kunexesha lako.Ukugcina kunexesha lako,nokulahla kunexesha lako.

7 Likho ixesha lokukrazula,likwakho nexesha lokuthunga.Ukuthi cwaka kunexesha lako,kanti nokuthetha kunexesha lako.

8 Uthando lunexesha lalo,nokucaphukela kunexesha lako.Likho ixesha lemfazwe,kanti likwakho nexesha loxolo.

9 Umntu uzuza ntoni ke ngemizabalazo yakhe?

10 Ndilubonile uxanduva alunike uluntu uThixo.

11 Into yonke uyimisele ixesha layo. Umntu yena umnike ulangazelelo lokuqonda nangamaxesha angamiselwanga. Kodwa ke umntu akafikeleli ekuyazini into eyenziwa nguThixo ukususela ekuqaleni kuye esiphelweni.

12 Ndifumanise ukuba akukho nto iyenye angayenzayo umntu ngaphandle kokuba ahlale onwabile, enze okulungileyo lo gama esaphila,

13 kwanokuba wonke umntu atye asele aneliseke yimigudu yakhe. Kaloku sisipho esivela kuThixo eso.

14 Ndiyazi ukuba yonke into eyenziwa nguThixo iya kuhlala ihleli; akukho nto inokongezwa kuyo, kungekho nto inokususwa kuyo. UThixo uyakwenza oku ukuze ahlonelwe ngabantu.

15 Into ekhoyo ibiselikho kakade,nento eya kubakho ibikho ngaphambili.UThixo uyakubuyisela obekusele kudlule.

Inkohlakalo ehlabathini

16 Ngaphezu koko ke ndifumanise ukuba apha phantsi kwelanga usuka ufumane inkohlakalo endaweni yokugweba ngokufanelekileyo, nditsho inkohlakalo endaweni yobulungisa.

17 Ndagqiba kwelithi: “UThixo uza kugweba bonke, abalungileyo nabakhohlakeleyo, kuba umise ixesha layo yonke imicimbi nazo zonke izenzo.”

18 Ndagqiba ngelithi: “UThixo uyaluvavanya uluntu, efuna ukuba luqonde ukuba alwahluke kuya phi ezilwanyaneni.

19 Kaloku isiphelo somntu siyafana nesesilwanyana. Ukufa kubabopha ngentambo enye ngokufanayo. Ewe, umoya mnye emntwini nasesilwanyaneni. Ke umntu akasidluli nganto isilwanyana. Yonke into ingamampunge.

20 Umntu ndawonye nesilwanyana baya ndaweni-nye; njengoko bephuma emhlabeni, babuyela kwasemhlabeni.

21 Ngubani owaziyo ukuba umoya womntu uyenyuka ubheke phezulu, ingubani owaziyo ukuba umoya wesilwanyana uyehla ubheke emhlabeni?”

22 Ke kaloku ndabona ukuba into emfaneleyo umntu kukwanela, axhamle imigudu yakhe, kuba kambe eso sisabelo sakhe. Kakade ngubani onokumbonisa oko kuza kwenzeka za sele engekho?

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12