5 Ilanga liyaphuma, kanti ke ilanga libuya litshone,lize ke likhawuleze liye apho liya kuphuma khona.
6 Umoya ubhudla ubhekisa ngasezantsi, ubuye ubhekise ngasentla;wenza loo njike-njike uthatha umjikelo wawo.
7 Yonk' imilambo ingena elwandle, kodwa ke lona ulwandle aluzali;amanzi abuyela apho ebevela khona, aphinde asinge apho ebesiya khona.
8 Yonke into yindebelefele yendinisa engathethekiyo:iliso liyabona, kodwa alaneli;kanti nendlebe iyeva, kodwa ayihluthi.
9 Into eyakha yakho yophinda ibe khona.Le nto yenzekileyo iya kuphinda yenzeke kwakhona.Akukho nto intsha phantsi kwelanga.
10 Ungabeva besithi: “Uyabona ke, intsha le nto!”Ukanti ke ibikho kakade, ntlandlolo kwangaphambili.
11 Izinto zakudala azisakhunjulwa;ukanti ke nezi zanamhlanje izinto aziyi kwaziwa sisizukulwana esizayo.