7 Yonk' imilambo ingena elwandle, kodwa ke lona ulwandle aluzali;amanzi abuyela apho ebevela khona, aphinde asinge apho ebesiya khona.
8 Yonke into yindebelefele yendinisa engathethekiyo:iliso liyabona, kodwa alaneli;kanti nendlebe iyeva, kodwa ayihluthi.
9 Into eyakha yakho yophinda ibe khona.Le nto yenzekileyo iya kuphinda yenzeke kwakhona.Akukho nto intsha phantsi kwelanga.
10 Ungabeva besithi: “Uyabona ke, intsha le nto!”Ukanti ke ibikho kakade, ntlandlolo kwangaphambili.
11 Izinto zakudala azisakhunjulwa;ukanti ke nezi zanamhlanje izinto aziyi kwaziwa sisizukulwana esizayo.
12 Ke mna Ngqondi ndandingukumkani wakwaSirayeli eJerusalem.
13 Ndasuka ndazimisela ukuphicotha ndenze uphando ngobulumko ngazo zonke izinto ezenzekayo ehlabathini. Ewe, uThixo ubanike uxanduva lomzabalazo otyhafisayo abantu.