2 Indyebo yakho yigcinise kwiindawo ezisixhenxe –ewe, noba zide zasibhozo –kuba kaloku akuyazi intlekele enokulihlela ihlabathi.
3 Amafu xa anemvula ayithulula emhlabeni;noba umthi uwela ngasezantsi okanye ngasentla,kodwa uhlala uthi ncwaba kuloo ndawo uwe kuyo.
4 Ukuba ujonge imo ethile yezulu soze ulime;kanti ke ukuba uqwalasela amafu soze uvune.
5 Njengoko ungayazi indlela yomoya,ungamazi nokuba wenziwa njani na umntu esizalweni sonina,kananjalo soze ukuqonde nokusebenza kukaThixo onguMdali weento zonke.
6 Imbewu yihlwayele kusasa,nangokuhlwa ungasiphumzi isandla sakho.Kaloku akuyazi eya kuphumelela:isenokuba yile okanye leya,ukanti zisenokuphumelela zombini.
7 Kuyanambitheka ukukhanya;kulungile emehlweni ukulibona ilanga.
8 Yixhamle ngokobungakanani bayo iminyaka yokudla kwakho ubomi,ukhumbule ukuba imihla yobumnyama xa ungasekhoyo iya kuba mininzi.Ewe, yonke into ezayo ingamampunge.