23 Yonke imihla yakhe yinkxwaleko, nokuzabalaza kwakhe ziinzingo. Nasebusuku uyaphuthelwa angaphumli. Ewe, yonke loo nto nayo ingamampunge.
24 Ayikho enye into angayenzayo umntu ngaphandle kokuba atye asele, ahlale anelisekile kukubulaleka kwakhe. Phofu ke naleyo ndafumanisa ukuba iphuma kwasesandleni sikaThixo,
25 kuba kaloku ngaphandle kwakhe akukho mntu ungatyayo okanye onwabe.
26 Kaloku uThixo umnika ubulumko, ingqiqo, nokonwaba, loo mntu umkholisayo; kambe ke bona abagwenxa abanike uxanduva lokusebenza nzima, beqweba beqokelela ubutyebi, ukuze ke babunikezele kwabo bakholisa uThixo. Ngenene nale into ngamampunge, ifana nokusukelana nomoya.