3 Ndacamanga entliziyweni yam ukuba mandithi lo gama ndifuna ubulumko khe ndizilahlele kwiwayini, ndiziphathe okwesityhakala, ndide ndibone ukuba yeyiphi into ebalungeleyo oonyana babantu ukuba bayenze apha emhlabeni ngemihla embalwa yobomi babo.
4 Ndenza imisebenzi emikhulu: ndazakhela izindlu, ndatyala izidiliya,
5 ndalima izitiya, ndenza nemiyezo, kuyo ndatyala zonke iintlobo-ntlobo zeziqhamo.
6 Ndemba ndenza amadama ukuze ndinkcenkceshele loo mithi isahlumayo.
7 Ndandizithengela amakhoboka angamadoda nabhinqileyo, kwada kwakho namakhoboka azalelwa emzini wam. Ndandinemihlambi emininzi yeenkomo nempahla emfutshane ngaphezu kweyabo bonke abakhe bahlala ngaphambi kwam eJerusalem.
8 Ndaqokelela imfumba yesiliva negolide, ndiyithatha kwindyebo yookumkani abaphantsi kwam, namazwe endiwalawulayo. Ndandineekwayala zokundonwabisa – amadoda nabantu ababhinqileyo. Kananjalo ndandinabafazi abaninzi ngokomnqweno wentliziyo yam.
9 Ewe, ndandisisikhulu, ndimkhulu kunabo bonke abakhe bema eJerusalem ngaphambi kwam. Ngalo lonke eli xesha bendincedwa bubulumko bam.