1 Kwakhona ke ndathi ndakukhangela ndayibona ingcinezelo ekhoyo apha phantsi kwelanga.Awu, iinyembezi zabo bacinezelweyo;ibe ke kungekho namthuthuzeli!Ewe, akukho mntu ubathuthuzelayo,ibe ke bona abacinezeli baxhaswa ligunya.
2 Ndafumanisa ukuba abo bangasekhoyo, abasele befile kakade,bakwimeko engcono kunabo baphilayo, abasahleliyo nangoku.
3 Kambe ke oyena ukwimeko engcono ngulowo ungekabikho,engekayiboni le nkohlakalo yenziwayo apha phantsi kwelanga.
4 Ndafumanisa ukuba into eyenza abantu babulaleke bazabalaze kangaka kukuxhalela abamelwane. Kambe ke naleyo ngamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.
5 Isiyatha sisonga izandla,sizitshabalalise ngokwaso.
6 Phofu ke akunani kwaintwana engephi, oyifumana wonwabile,kunentabalala ezuzwa ngembulaleko kusukelwana nomoya.