1 Nabu obunye ububi endibubonileyo apha phantsi kwelanga, yaye buthe zinzi phezu kwabantu:
2 nditsho into yokuba umntu anikwe ubutyebi nguThixo, aze abe ngumfo omi kakuhle nohlonelwayo, ade angasweli nto ayinqwenelayo, kambe ke uThixo angamniki ithuba lokuzixhamla, ndaweni yaloo nto kuvele owasemzini azixhamle ezo zinto. Ewe, ngamampunge le nto; iyimeko ebuhlungu.
3 Umntu noba anganekhulu labantwana, aphile imihla emininzi, phofu angabuxhamli ubumnandi bobomi, angènzelwa umngcwabo onguwo, mna ndithi akunani kwaumntwana ovele engasekho kunaye.
4 Kaloku ukuzalwa akumphathelanga nto loo mntwana, usuke aduke ebumnyameni, negama lakhe ligutyungelwe bubumnyama.
5 Nakuba lo mntwana engazange walibona ilanga, futhi engazange wazi nto, kodwa ke yena ukufumene ukuphumla kunaloo mntu.
6 Ewe, umdlula kude lee umntu ongaxhamlanga luyolo ebomini, noba angade aphile iwaka eliphindwe kabini leminyaka. Andithi na kaloku bonke baya ndaweni-nye?
7 Kuyo yonke imizabalazo yakhe umntu usebenzela emlonyeni,kodwa akaze anele.