5 Nakuba lo mntwana engazange walibona ilanga, futhi engazange wazi nto, kodwa ke yena ukufumene ukuphumla kunaloo mntu.
6 Ewe, umdlula kude lee umntu ongaxhamlanga luyolo ebomini, noba angade aphile iwaka eliphindwe kabini leminyaka. Andithi na kaloku bonke baya ndaweni-nye?
7 Kuyo yonke imizabalazo yakhe umntu usebenzela emlonyeni,kodwa akaze anele.
8 Umntu osisilumko usigqitha ngani isityhakala?Kulinceda ntoni ihlwempu ukuyazi indlela yokuziphatha phakathi kwabantu?
9 Masanele zezo zinto sinazoendaweni yokuzikhathaza ngokunqwenela le naleya.Hayi bo, ngamampunge lawo, nqwa nokusukelana nomoya!
10 Yonke into ekhoyo sekukudala ithiywe igama layo,nento ayiyo umntu selisaziwa kakade;umntu akanako ukumelana nalowo womeleleyo kunaye.
11 Okukhona intetho iba nde kokukhona iye ilambatha intsingiselo yayo,ize ke incede bani loo nto?