9 Masanele zezo zinto sinazoendaweni yokuzikhathaza ngokunqwenela le naleya.Hayi bo, ngamampunge lawo, nqwa nokusukelana nomoya!
10 Yonke into ekhoyo sekukudala ithiywe igama layo,nento ayiyo umntu selisaziwa kakade;umntu akanako ukumelana nalowo womeleleyo kunaye.
11 Okukhona intetho iba nde kokukhona iye ilambatha intsingiselo yayo,ize ke incede bani loo nto?
12 Umntu angayazi njani eyona nto imfaneleyo umntu kobu bomi bufutshane buphuthe kangaka? Ewe, obu bomi buthi phinzi njengesithunzi. Ngubani onokumxelela into eya kwenzeka apha phantsi kwelanga akuba engasekho yena?