11 Ubulumko nqwa nelifa ngokulunga;bululutho kubo bonke abaphilayo;
12 umntu bumenza akhuseleke njengokuba nemali isenjenjalo.Ewe, naku ukubalasela kolwazi: ubulumko buyabukhusela ubomi balowo unabo.
13 Khawucamngce ngemisebenzi kaThixo:Ngubani ongayolulayo into ayenze goso?
14 Ngamathuba obumnandi yonwaba;ngemihla yobubi qonda kakuhle ukuba kwale njengaleya yenziwe nguThixo.Ngoko ke akukho mntu uyaziyo into eza kwenzeka kamva.
15 Kobu bomi bam bungamampunge ndizibonile zonke ezi zinto:Ndibone umntu olungileyo efela ebulungiseni bakhe,ngokunjalo ndabona nomntu okhohlakeleyo ephila ubomi obude benkohlakalo.
16 Ngani ukuba uzenzakalise ngokusuka uzenze uchwenene welungisa,okanye ingcaphephe yesilumko?
17 Ngani ukuba ufe phambi kwexesha lakho ngokusuka ubalasele ngenkohlakalo,okanye ugqwese ngobutyhakala?