16 Ngani ukuba uzenzakalise ngokusuka uzenze uchwenene welungisa,okanye ingcaphephe yesilumko?
17 Ngani ukuba ufe phambi kwexesha lakho ngokusuka ubalasele ngenkohlakalo,okanye ugqwese ngobutyhakala?
18 Bambelela kwezi zinto zombini, kungabikho oyiyekelelayo.Umntu omoyikayo uThixo uya kuwaphepha omabini la macala.
19 Ubulumko bumenza onabo abe namandlangaphezu kwabalawuli besixeko abalishumi.
20 Emhlabeni akukho mntu ulilungisaowenza okuhle kuphela angoni.
21 Musa ukuphulaphula yonke into ethethwa ngabantu,hleze ude uve isicaka sakho sikunyemba.
22 Kaloku nawe ngokwakho uyaziukuba kukaninzi ubanyelisa abanye abantu.