18 Bambelela kwezi zinto zombini, kungabikho oyiyekelelayo.Umntu omoyikayo uThixo uya kuwaphepha omabini la macala.
19 Ubulumko bumenza onabo abe namandlangaphezu kwabalawuli besixeko abalishumi.
20 Emhlabeni akukho mntu ulilungisaowenza okuhle kuphela angoni.
21 Musa ukuphulaphula yonke into ethethwa ngabantu,hleze ude uve isicaka sakho sikunyemba.
22 Kaloku nawe ngokwakho uyaziukuba kukaninzi ubanyelisa abanye abantu.
23 Ngobulumko bam ndayivavanya yonke le nto, ndaza ndathi:“Ndizimisele ukuba sisilumko,”kodwa ke andafikelela kubo.
24 Oko kukude kakhulu –ndithi oko kunzulu gqitha –ngubani ongaze akubhaqe?