6 Ukuhleka kwesityhakala kufana nqwa nokunqanqaza komlilo wameva phantsi kwembiza.Nale ke into ngamampunge!
7 Isilumko esiphantsi kwezoyikiso silahlekelwa ziingqondo;umntu onyotywayo wonakala ingqiqo.
8 Isiphelo somcimbi sibhetele kunesiqalo sawo.Umonde ungcono kunekratshi.
9 Musa ukukhawuleza ucaphuke ngaphakathi kwakho;kaloku umsindo yinto yezityhakala.
10 Musa ukuthi: “Bekungani ukuba imihla yamandulo ibe ngcono kunale yangoku?”Kaloku ayibubo ubulumko ukubuza umbuzo onjalo.
11 Ubulumko nqwa nelifa ngokulunga;bululutho kubo bonke abaphilayo;
12 umntu bumenza akhuseleke njengokuba nemali isenjenjalo.Ewe, naku ukubalasela kolwazi: ubulumko buyabukhusela ubomi balowo unabo.