2 Abantu bonke isiphelo sabo sinye: amalungisa nezikhohlakali, abalungileyo [nabagwenxa], abahlambulukileyo nabanomlaza, abawenzayo amadini nâbo bangawenziyo. Umntu olungileyo ufaniswa nomoni, nalowo wenza isifungo afaniswe nowoyikayo ukwenza isifungo.
3 Ezintweni zonke ezenzeka apha phantsi kwelanga eyona imbi yile yokuba kubo bonke isiphelo sabo sinye. Iintliziyo zoonyana babantu zizele bububi; bubugeza ezintliziyweni zabo lo gama besadla ubomi – ze kuthi kamva baye kwelabafileyo.
4 Lowo usaphilayo usenethemba; kaloku nenja esaphilayo ibhetele kunengonyama efileyo.
5 Kaloku bona abaphilayo bayazi ukuba baseza kufa, kambe ke bona abafileyo abazi nto. Abasajonganga mvuzo, futhi ke sebelityelwe.
6 Uthando ndawonye nentiyo yabo, kunye neminqweno, kukonke nje kwafa kunye nabo. Abasoze babuye babe nenxaxheba kwizinto ezenzekayo apha phantsi kwelanga.
7 Hayi ke, yitya isonka sakho wonwabile, usele iwayini yakho uchwayitile entliziyweni, kuba ngoku lithuba elikholekileyo kuThixo lokuba wenze oko.
8 Maxa onke vatha ezimhlophe, nezithambiso zentloko ungaziyeki.