1 “Yizani kaloku, sibuyele *kuNdikhoyo.Ewe, yena usidlakazile,kodwa usenako ukubuya asinyange.Ngenene yena usenzakalisile,ukanti ke angabuya asibophe.
2 Emva kweentsuku ezimbini wosidlisa ubomi,ngolwesithathu ke asivuse,sitsho siphile phambi kwakhe.
3 Hayi ke, masimvume uNdikhoyo;ewe, masikuxunele ukumazi.Ukubonakala kwakhe kuqiniseke njengokuphuma kwelanga.Uya kusifikela njengemvula yasebusika –njengeemvula zentlakohlaza ezinyakamisa umhlaba.”
4 “Mandikuthini na kodwa, Efrayim?Mandenze ntoni na ngawe, Juda?Uthando lwenu lunjengenkungu yakusasa,nqwa nombethe othi shwaka kwangoko.