4 Ewe, uNdikhoyo abayi kumenzela iminikelo yewayini;ayiyi kumanelisa iminikelo yabo.Kubo lo mnikelo wofana nesonka sabazili –abawutyileyo baya kuba nomlaza.Ukutya kwabo kolungela bona kuphela –akuyi kunikelwa kwindlu kaNdikhoyo.
5 Hee, niya kwenza ntoni ke ngemihla yemibhiyozo emisiweyo,ngomhla wetheko likaNdikhoyo?
6 Xa bangasindiyo ekutshatyalalisweniiJiputa yofika yona ibaqokelele,ke yena uMemfisi abangcwabe.Ubutyebi besiliva buya kukhulelwa lukhula,imizi yabo ibhijelwe yimithana enameva.
7 Iyeza imihla yesohlwayo –nditsho imihla yembuyekezo –noSirayeli ke uza kuqonda.Ngenxa yokwanda kobugwenxa benu,nobunzulu bentiyo yenu,*umshumayeli nithi sisityhakala,umntu onefuthe likaMoya uphambene.
8 Umshumayeli ngumlindi kaEfrayim,bantu abo bangaboThixo wam,kodwa ubekelwa izabatha,kuliwe naye endlwini yoThixo wakhe.
9 Ewe, bonakele ngokungathethekiyo;kunjengaloo mihla yaseGibheya.UThixo akabulibalanga ubugwenxa babo,yaye ke uza kubohlwayangenxa yezono zabo.
10 Ndathi mhla ndamfumana uSirayelikwanga ndibhaqe iidiliya entlango;mhla ndabafumana ookhokho benuyaba ngathi ndibhaqe amakhiwane,makhiwane ke alulibo.Bathe bakufika eBhali-pehoresuka bazinikela kuBhali,baza bagqwaliseka njengaye kum.