9 Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.”
10 UYoshuwa uyalele iinduna zakhe, wathi:
11 “Tyhutyhani umzi, nixelele amaSirayeli ukuba alungise umphako wendlela, kuba kuza kuhanjwa emva kweentsuku ezintathu, kuwelwe iJordan, kuthinjwe ilizwe enilinikwe *nguNdikhoyo uThixo wenu ukuze libe lelenu.”
12 UYoshuwa wathetha nesizwe sakwaRubhen nesakwaGadi nenxalenye yesizwe sakwaManase, wathi:
13 “Ze nikhumbule ukuba uMosis, isicaka sikaNdikhoyo, wathi uNdikhoyo uThixo wenu uninika lo mhlaba ungasempumalanga kweJordan ukuba ube ngowenu, niphumle kuwo.
14 Abafazi benu nabantwana nemfuyo banokusala ngasempuma kweJordan, kodwa amadoda omkhosi kufuneka axhobe, awele kuqala kunamanye amaSirayeli, aye kuwanceda
15 ade awuthimbe umhlaba ongasentshonalanga yeJordan awunikwe nguNdikhoyo uThixo wenu ukuze ube ngowawo aphumle kuwo. Kuya kuthi ke akuba nendawo yokuphumla eyeyawo njengani, nani nibuyele emakhaya kumhlaba ongasempumalanga kweJordan eniwabelwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo.”