1 UAdoni-zedeki ukumkani waseJerusalem weva ukuba uYoshuwa wayithimba iAyi wayitshabalalisa, waza nekumkani yalapho wayibulala kanye njengoko wayenzile naseJeriko nakukumkani walapho. Weva nokuba amaGibheyon anqophisene namaSirayeli, yaye ngoku ahlalisana nawo ngoxolo.
2 Abemi baseJerusalem yabaxhalisa kakhulu le meko, kuba kaloku iGibheyon yayisisixeko esibalulekileyo esilingana nezinye ezingamaziko olawulo. IGibheyon le yayingaphezulu kweAyi, nomkhosi wakhona unamagorha amadoda.
3 Ngoko ke ukumkani uAdoni-zedeki wathumela izigidimi kukumkani uHoham waseHebron, nakukumkani uPiram waseYamuti, nakukumkani uYafiya waseLakishe, nakukumkani uDebhiri wase-Eglon, esithi:
4 “Khanize kundincedisa siyihlasele iGibheyon, kuba amaGibheyon enze uxolo noYoshuwa namaSirayeli.”
5 Zasuka ke ezi kumkani zintlanu zama-Amori – eyaseJerusalem neyaseHebron, eyaseYamuti neyaseLakishe kunye neyase-Eglon – zahlanganyela iGibheyon, zayihlasela.
6 Amadoda aseGibheyon athumela isigidimi kuYoshuwa esikhululweni eGiligali, esithi: “Nceda ungasiyekeli thina zicaka zakho. Khawuleza uze kusinceda usisindise, kuba iinkosi zonke zama-Amori asezintabeni zisihlanganyele; ziyasihlasela.”