6 Abantu besizwe sakwaJuda bafika kuYoshuwa eGiligali, uKalebhi unyana kaJefune umKenezi wathi kuYoshuwa: “Uyayazi into eyathethwa kuMosis umfo wakwaThixo *nguNdikhoyo mayela nawe kunye nam eKadeshe-bhaneya.
7 Ndandimashumi mane ubudala ngamhla uMosis wandithumayo ndesuka eKadeshe-bhaneya ndaza kuhlola lo mhlaba. Ndamphathela ingxelo ngokungafihlisi,
8 kuba ndamthobela ngomxhelo wam wonke uNdikhoyo uThixo. Kambe ke amadoda awayekunye nam abatsho bankwantya abantu.
9 Ke ngoko uMosis wafunga wathi kum: ‘Inene, laa mhlaba unyathele kuwo woba lilifa lakho ndawonye nenzala yakho ngonaphakade, kuba umthobele ngomxhelo wonke uNdikhoyo uThixo wam.’
10 Ke uNdikhoyo usandigcinile njengoko wathembisayo. Kambe sekudlule amashumi amane anantlanu eminyaka oko uNdikhoyo wathetha loo nto kuMosis ngokuya amaSirayeli ayebhadula entlango. Ndim lo ke, ndimashumi asibhozo anantlanu eminyaka ndisidla amazimba,
11 kodwa ndisengumqabaqaba njengoko ndandinjalo ukundithuma kwakhe uMosis. Ndisomelele; ndingaya emfazweni, ndingenza nantoni na.
12 Ngoku ke ndabele eliya leentaba ndalithenjiswa nguNdikhoyo mhla ndenza ingxelo. Nawe ngokwakho weva ngaloo mini ukuba olwaa hlanga lweengxilimbela kuthiwa ngama-Anaki ayehlala apho ezixekweni ezikhulu ezingqingwe ngeendonga. Ukuba uNdikhoyo ungakum ndozichitha kanye njengoko yena watshoyo.”