9 Ke ngoko uMosis wafunga wathi kum: ‘Inene, laa mhlaba unyathele kuwo woba lilifa lakho ndawonye nenzala yakho ngonaphakade, kuba umthobele ngomxhelo wonke uNdikhoyo uThixo wam.’
10 Ke uNdikhoyo usandigcinile njengoko wathembisayo. Kambe sekudlule amashumi amane anantlanu eminyaka oko uNdikhoyo wathetha loo nto kuMosis ngokuya amaSirayeli ayebhadula entlango. Ndim lo ke, ndimashumi asibhozo anantlanu eminyaka ndisidla amazimba,
11 kodwa ndisengumqabaqaba njengoko ndandinjalo ukundithuma kwakhe uMosis. Ndisomelele; ndingaya emfazweni, ndingenza nantoni na.
12 Ngoku ke ndabele eliya leentaba ndalithenjiswa nguNdikhoyo mhla ndenza ingxelo. Nawe ngokwakho weva ngaloo mini ukuba olwaa hlanga lweengxilimbela kuthiwa ngama-Anaki ayehlala apho ezixekweni ezikhulu ezingqingwe ngeendonga. Ukuba uNdikhoyo ungakum ndozichitha kanye njengoko yena watshoyo.”
13 UYoshuwa wamsikelela uKalebhi unyana kaJefune, wamabela iHebron yaba lilifa lakhe.
14 Unanamhla oku iHebron iseyeyenzala kaKalebhi unyana kaJefune umKenazi, kuba yena wamthobela ngomxhelo wonke uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
15 Ngaphambili iHebron kwakusithiwa sisixeko sika-Arbha. (UArbha ngoyena mAnaki mkhulu.)Kwabakho uxolo elizweni.