3 Wabhekisa kumaSirayeli ke uYoshuwa wenjenje: “Niya kulibazisa kude kube nini ukuya kuthimba umhlaba enawunikwa nguNdikhoyo, uThixo wooyihlo-mkhulu?
4 Ndikhetheleni amadoda abe mathathu kwisizwe ngasinye, ndiwathume aye kulicanda ilizwe, abhale iinkcukacha zalo ngokwelifa lesizwe ngasinye. Kufuneka aphinde eze kum akugqiba.
5 Loo mhlaba ke uya kwabiwa wahlulwe ube ziziqwenga ezisixhenxe. UJuda wohlala ngezantsi kummandla wakhe, noJosefu wohlala kowakhe ummandla ngasentla.
6 Ze nizibhale iinkcukacha zezo ziphaluka zosixhenxe, nize nazo kum nakugqiba. Mna ke ndokwenza amaqashiso, ndiqonde umnqweno kaNdikhoyo uThixo wethu ngani.
7 AbaLevi bona abayi kwabelwa isabelo njengani; kaloku esabo isabelo kukuba ngababingeleli abakhonza uNdikhoyo. Zona ke izizwe zakwaGadi noRubhen nesiqingatha sikaManase sebelabelwe elabo ilifa phaya ngasempumalanga kweJordan, alinikwa nguMosis isicaka sikaNdikhoyo.”
8 Anduluka ke loo madoda, aya kucanda umhlaba, emva kokuba uYoshuwa wayethe: “Ze niwujikeleze niwucande loo mhlaba, nizibhale iinkcukacha zawo, nibuye nize kum. Mna ndoqonda kuNdikhoyo ngokwenza *amaqashiso apha eShilo.”
9 Awujikeleza ke loo mhlaba loo madoda, abhala echaza ukuba awahlule njani waziziqwenga ezisixhenxe, enza noludwe lwezixeko. Babuyela kuYoshuwa esikhululweni eShilo.