12 Ngoku ke khanifunge ngegama lakhe ukuba nobenzela inceba abantu basekhaya njengoko nam ndinenzele inceba, nindinike nomqondiso oqinisekileyo.
13 Ndithembiseni ukuba nomsindisa utata, nomama, nabantakwethu, noodadethu, kunye neentsapho zabo, singàbulawa thina.”
14 Athi loo madoda: “Ubomi bethu sibuthenga ngobenu. Ukuba wena akuyithethanga mntwini le nto sihambele yona apha kweli lizwe, siyathembisa ukuba sonenzela inceba xa uNdikhoyo esinikezela lo mhlaba.”
15 Indlu kaRahabhi yayiseludongeni olubiyele idolophu. Wawakhupha ngefestile ke loo madoda, ehla ngentambo.
16 Wathi: “Ze niye kuzimela ezintabeni, ningabonwa ngamadoda athunywe ngukumkani. Ze nihlale apho iintsuku ezintathu, de loo madoda abuye, nandule ke nina ukugoduka.”
17 Zathi iintlola kuRahabhi: “Asiyi kuba natyala lokungasigcini isifungo osifungise sona ukuba akukwenzanga oku:
18 xa singena kweli lizwe kufuneka ubophelele lo msonto ubomvu kule festile usikhuphe ngayo. Kufuneka uze noyihlo nonyoko nabantakwenu, nabo bonke abantu bakowenu, ubahlanganisele endlwini yakho.