15 Indlu kaRahabhi yayiseludongeni olubiyele idolophu. Wawakhupha ngefestile ke loo madoda, ehla ngentambo.
16 Wathi: “Ze niye kuzimela ezintabeni, ningabonwa ngamadoda athunywe ngukumkani. Ze nihlale apho iintsuku ezintathu, de loo madoda abuye, nandule ke nina ukugoduka.”
17 Zathi iintlola kuRahabhi: “Asiyi kuba natyala lokungasigcini isifungo osifungise sona ukuba akukwenzanga oku:
18 xa singena kweli lizwe kufuneka ubophelele lo msonto ubomvu kule festile usikhuphe ngayo. Kufuneka uze noyihlo nonyoko nabantakwenu, nabo bonke abantu bakowenu, ubahlanganisele endlwini yakho.
19 Ukuba ngaba kubekho mntu uphumela ngaphandle kule ndlu, aze abulawe, lityala lakhe. Kanti ke xa kwenzakaliswe umntu esendlwini yakho, ityala loba lelethu.
20 Ukuba uyixelele nabani na into esizele yona, thina asiyi kuba natyala ngokungasigcini esi sifungo.”
21 Wavuma uRahabhi, wawandulula. Akuba ehambile, wabophelela loo msonto ubomvu efestileni.