1 *UNdikhoyo wathi kuYoshuwa:
2 “Thetha namaSirayeli, uthi ndithi makalathe izixeko zokuphephela endandixelele uMosis ngazo.
3 Zoba ziindawo ekubalekela kuzo abantu abathe babulala omnye ngengozi okanye ngempazamo. Yoba ziindawo zokuzimela kwimpindezelo yezizalwana zaloo mntu ubuleweyo.
4 Umntu oye kuzimela kwezo zixeko kufuneka anike inkcazelo ngesenzo sakhe enkundleni kumadoda amakhulu esangweni leso sixeko. Ngawo aya kumamkela amnike indawo yokuhlala phakathi kwawo.
5 Xa umphindezeli athe walandela ekhondweni lalowo ubalekele apho, wona akasayi kumnikezela kuye – kaloku wambulala ngengozi umfi, bengazange baxabana ngaphambili.