18 le nto nityekayo ekumlandeleni uNdikhoyo? Xa namhlanje nimvukela uNdikhoyo, ngomso kosa eliqumbele lonke ibandla lakwaSirayeli.
19 Xa umhlaba wenu ugqwalisekile, ngani ningaweli iJordan nje, niye apho simiyo *isibingelelo sikaNdikhoyo ezweni lakhe, nize kuma apha phakathi kwethu? Yekani ukumvukela uNdikhoyo nize nathi nisifake kolo vukelo lwenu ngokwenza qonga limbi lingelilo likaNdikhoyo uThixo wethu.
20 Ngaba senikulibele ukungathembeki kuka-Akana unyana kaZera, owathatha amaxhoba amakatshatyalaliswe, kwaza ngenxa yeso senzo kohlwaywa lonke ibandla lakwaSirayeli? UAkana akazange afe yedwa ngenxa yesono sakhe.”
21 Oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sikaManase, benjenje ukuphendula iintloko zezizwe zakwaSirayeli:
22 “Oyena unguThixo nguNdikhoyo! Ewe, oyena unguThixo nguye uNdikhoyo! Nguye owaziyo ukuba sikwenzeleni na oku, yaye nani sifuna nazi. Ukuba oku sikwenze ngokungathembeki kuNdikhoyo, okanye ngokumvukela, masingasindi ekufeni namhlanje.
23 Yaye ukuba ngeli qonga sityekile ekumlandeleni uNdikhoyo ngokwenzela kulo amadini ethu atshiswayo, nawokudla, nawobudlelane, makasuke asigwebe yena ngenkqu.
24 Hayi bo! Elaa qonga silenze ngenxa yexhala lokuba kwixesha elizayo abantwana benu basenokuthi kubantwana bethu: ‘Uyintoni kuni kakade uNdikhoyo uThixo kaSirayeli?