1 UYoshuwa wenza imbizo yazo zonke izizwe zakwaSirayeli eShekem. Wabiza onke amadoda amakhulu, iintloko zezindlu, abalamli, kunye nabanye abangamagosa akwaSirayeli, bonke baya kuthi nqwadalala *ngasesibingelelweni *sikaNdikhoyo.
2 Wabhekisa kubo bonke abantu uYoshuwa wenjenje: “Utsho uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Kudala kanye ooyihlo-mkhulu uTera kunye noonyana bakhe uAbraham noNahore babemi ngaphesheya komlambo iEfrati, benqula *thixo bambi.
3 Uyihlo-mkhulu uAbraham ndamkhupha apho ngaphesheya kwe-Efrati, walityhutyha lonke elaseKanana. Ndampha abantwana abaninzi. Ndamnika uIsake;
4 uIsake yena ndamnika uYakobi noEsawu. UEsawu ndamnika ilizwe leentaba lase-Edom. Yena uYakobi noonyana bakhe behla baya eJiputa.