11 Nawela iJordan, naya eJeriko. Abemi balapho balwa nani, njengoko enjenjalo ama-Amori, namaPerezi, namaKanana, amaHiti, amaGirgashi, amaHivi, namaJebhusi, kodwa ndabanikela ezandleni zenu.
12 Ndabathumela ngoonomeva abo balwa nani. Yiyo loo nto eyachitha iikumkani zama-Amori zombini – asilokrele nalutolo lwenu.
13 Ndaninika umhlaba eningazanga nawusebenza nezixeko eningazanga nazakha. Ngoku nihlala apho nitye isivuno semidiliya eningayilimanga, neminquma eningazanga nabulaleka yiyo.’
14 “UNdikhoyo mhloneleni, nimnqule ngentembeko ninyanisekile. Yahlukanani *nezithixo zookhokho benu ngexesha bengaphesheya kwe-Efrati naseJiputa, nikhonze uNdikhoyo yedwa.
15 Ke ukuba kubi emehlweni enu ukumkhonza uNdikhoyo, khethani ngoku, ukuba nokhonza bani na nina, phakathi koothixo baseMesopotami booyihlo noothixo bama-Amori enimi kumhlaba wawo. Kodwa mna kunye nomzi wam, siya kukhonza uNdikhoyo.”
16 Aphendula amaSirayeli athi: “Thina asisoze sahlukane noNdikhoyo sikhonze thixo bambi.
17 NguNdikhoyo uThixo wethu owasikhulula thina nookhokho eJiputa ebukhobokeni. Siyayazi imiqondiso emikhulu awayenzayo. Wasilondoloza konke apho sihamba khona, wasikhusela xa besicanda phakathi kweentlanga.