3 Uyihlo-mkhulu uAbraham ndamkhupha apho ngaphesheya kwe-Efrati, walityhutyha lonke elaseKanana. Ndampha abantwana abaninzi. Ndamnika uIsake;
4 uIsake yena ndamnika uYakobi noEsawu. UEsawu ndamnika ilizwe leentaba lase-Edom. Yena uYakobi noonyana bakhe behla baya eJiputa.
5-6 Ndathuma uMosis noAron, amaJiputa ndawehlisela izibetho. Niyayazi into endawenza yona. Ndaza ke emva koko ndanikhupha eJiputa, naza nina naza kutsho kuLwandle oluBomvu. AmaJiputa akhupha iinqwelo zamahashe nomkhosi okhwele amahashe ukusukela ooyihlo, asinga kuLwandle oluBomvu.
7 Kodwa bathi bakukhala ooyihlo, ndafaka ithunzi lobumnyama phakathi kwamaSirayeli namaJiputa. Ndawagubungela ngamanzi olwandle, eyela amaJiputa – niyayazi loo nto.“ ‘Nahlala entlango ithuba elide.
8 Ndaza mna ndanizisa kumhlaba wama-Amori awayemi ngasempumalanga yeJordan. Alwa nani, kodwa mna ndawanikela ezandleni zenu. Nawuthatha umhlaba wawo, ndakuba mna ndiwatshabalalisile.
9 Ukumkani uBhalaki wakwaMowabhi, unyana kaZipore, waqubisana namaSirayeli edabini. Wathumelela uBhalam, unyana kaBhehore, ukuba abizwe eze anishwabulele,
10 kodwa andizange ndivume ukumphulaphula uBhalam. Ndaweni yaloo nto wamana ukunithamsanqelisa, ndaba ke ndinihlangule kuBhalaki.